09/03/2023
*insert 4
Ndahamba ndayohlala kwaMakazi bek*mnandi endiphatha njee ngabanye abantwana noSisi omdala ebesele esiza apha ngoba bayaphuza bendimana ndilala nommtana wakhe usisi kodww ebengatyi apha , umama ukoko wayehambe ngoko sekuphele iinyanga siya kuNovember ngoku kwaye wayendifakela imali kuMakazi ,bendineveki nentsuku ndingayi esikolweni ngoba bendiphethwe ngumqala esikolweni ndandisaziwa kwaye bekusondele iintsuku ukuba kuqalwe kubhalwe . Ndandisiwe eClinic kodwa zange kubekho kwamahluko bendingumntu ovuka xandiyontlina ekhitshini ndiphinde ndiyohlala ekamereni ,bendingatyi kubuhlungu ukuginya kunzima kwaye namathe ,bendehlile emzimbeni ... ngenye imini ndavuka sele kuphume nelanga ndacoca endlini lena ndilala kuyo ndaya ekhitshini ndathi xasele ndizongena ekhitshini ndahamba ngoba ndandiva bethethela phezulu uMalume noMakazi
Malume: USisi uthini ngalento
Makazi:ngulona othumela imali yamayeza uthi sekezobuya
Malume: mhhm lomntana makasiwe kowabo kutatakhe inoba bazomazi ukuba benza njani
Makazi: angaya kodwa ngeke akwazi ukuhamba ngoku kwaye yedwa
Malume : andinangxaki ngoba akukho apho ndiya khona qhaa ndiyamenyanya umyeni kaSisi wamhluk*meza wambhekisa ngabahlali kunzima nok*mbheka
Makazi : unyanisile mna ndingabekela phi ..ndihambe apho ndaphinda ekamereni ngoba bendingeke ndikwazi ukubhekana nabo ,ndifike endlini ndahlala ebhedini ndicinga ukuba inoba ndizohamba nini noba ndinga hamba ngoku ndingavuya ndyamkhumbula utata wam ndithe ndisacinga uTata ndazibuza inoba wamenzani umama lento kuthethwa kanje ,ndithuswe nguMakazi emi phambi kwam
Makazi:Naledi yhooo mntanam kunini ndikukhwaza awusabeli
Me:uxolo Makazi
makazi : vuka uzohlala nathi kalok ,masihambe andikushiyi tuu..ndisuk*mile sahamba saya ekhitshini ndifike kukhona Malume ndabulisa ndahlala
Malume: mtshanam ndiyabona ukuba kunzima uyagula kwaye wehlile nase mzimbeni sabona ukuthi kungcono ugoduke uye kutata wakho inoba bazobona ukuba bakuthini ngoba kudala sizama thina mtshanam, siyakuthanda